UKrestu Esihlabelelweni Hymn 301 of 313

Ndebele/Zulu SDA Hymnal

301. Nkosi Yam (My King)

8, 7, 8, 7, 7.

1. Nkosi yam, ubundithanda,
Ekulahlekeni kwam,
Nkosi yam, waman’ ulanda
Futhi emkhondweni wam,
Ndafunyanwa, Nkosi yam.

2. Nkosi yam, ilizwi lakho
Lingumkhanyiseli wam.
Nkosi yam, ufefe lwakho
Lusisonwabiso sam.
Ndinovuyo, Nkosi yam.

3. Nkosi yam, u-Moya wakho
Uyandingcwalisa nam.
Nkosi yam, izulu lakho
Lona lilikhaya lam.
Mandingene, Nkosi yam.

Support this hymn collection

Your donation can help maintain the website, improve accessibility and keep the hymns freely available.